Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 20:7-15 Ibhayibhile (XHO96)

7. Umntu olilunga uphila ubomi obungenabala;bayathamsanqeleka abantwana bakhe abamlandelayo.

8. Ukumkani ohleli kwisihlalo sokugwebauhluza ububi bonke ngamehlo akhe.

9. Ngubani ongatshoyo athi:“Intliziyo yam ihlambulukile;ndinyulu, ndaye ndingenasono”?

10. Amatye okuveyisha anobuqhetseba nezilinganiso ezinegobe,zombini ezo zinto uyazicekisa uNdikhoyo.

11. Nditsho kwaumntwana waziwa ngokuziphatha kwakhe –zizinto azenzayo ezixela ukusulungeka nokuthi ngqo kwesimilo sakhe.

12. Indlebe evayo neliso elibonayo,zombini ezo zinto zenziwe nguNdikhoyo.

13. Sukuzinikela ebuthongweni hleze ube lihlwempu!Umntu ophaphamileyo akasweli kutya.

14. “Hayi bo, ayilunganga kwaphela,” utsho othengayo,kodwa asuke emke alilisele ngesisulu asifumeneyo!

15. Ikho igolide, ngokunjalo namatye amaninzi axabisekileyo;kanti ke eyona nto ixabisekileyo kukuthetha ulwazi.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 20