26. Ukumkani olumkileyo uyabahluza abantu abakhohlakeleyo,abanyhashe oku kwevili lokubhula.
27. Isazela somntu sisibane sikaNdikhoyo;ngaso uphicotha konke okufihlakeleyo ngaphakathi emntwini.
28. Ukumkani ukhuselwa kukunyaniseka nenceba;isihlalo sakhe sobukhosi sixhaswa bububele.
29. Isihomo samadoda amatsha ngamandla awo;kanti ke sona isithozela samadod' amakhulu zizimvi.
30. Imivumbo neenduma zahlukanisa umntu nobubi;ukubethwa kuhlambulula ububi obungaphakathi emntwini.