Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 20:21-30 Ibhayibhile (XHO96)

21. Ilifa lisenokuzuzwa buphuthu-phuthu ekuqaleni,kodwa ekugqibeleni alingekhe likuzisele amathamsanqa.

22. Musa ukuthi: “Ndiya kuziphindezela ngenxa yobu bugwenxa.”Yekela kuNdikhoyo ibe nguye okuhlangulayo.

23. UNdikhoyo uyawacekisa amatye okulinganisa abunzima bungafaniyo;isikali sobuqhetseba asilunganga.

24. Umntu akanako ukuyiqonda indlela ayihambayo,kuba amabakala obomi bakhe axhomekeke kuNdikhoyo.

25. Kufana nomgibe emntwini xa enikezele ngento kuNdikhoyo buphuthu-phuthu,aze kamva acinge ngenye indlela ngezibhambathiso zakhe.

26. Ukumkani olumkileyo uyabahluza abantu abakhohlakeleyo,abanyhashe oku kwevili lokubhula.

27. Isazela somntu sisibane sikaNdikhoyo;ngaso uphicotha konke okufihlakeleyo ngaphakathi emntwini.

28. Ukumkani ukhuselwa kukunyaniseka nenceba;isihlalo sakhe sobukhosi sixhaswa bububele.

29. Isihomo samadoda amatsha ngamandla awo;kanti ke sona isithozela samadod' amakhulu zizimvi.

30. Imivumbo neenduma zahlukanisa umntu nobubi;ukubethwa kuhlambulula ububi obungaphakathi emntwini.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 20