Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 20:13-23 Ibhayibhile (XHO96)

13. Sukuzinikela ebuthongweni hleze ube lihlwempu!Umntu ophaphamileyo akasweli kutya.

14. “Hayi bo, ayilunganga kwaphela,” utsho othengayo,kodwa asuke emke alilisele ngesisulu asifumeneyo!

15. Ikho igolide, ngokunjalo namatye amaninzi axabisekileyo;kanti ke eyona nto ixabisekileyo kukuthetha ulwazi.

16. Zithathe iimpahla zomntu omele ityala londwendwe;ewe, bambisa ngazo, kuba umele umntu wasemzini.

17. Ukutya okufunyenwe ngobuqhetseba kuhla kamnandi,kanti ke kamva kusuka kulumeze okomlomo ozele yintlabathi.

18. Xa ufuna ukuphumelela qokelela amacebo;ewe, cwangcisa uqokelele amacebo phambi kokuba uqhwaye imfazwe.

19. Umntu onolwimi uyawadiza amahlebo,ngoko ke sukudlelana nabantu abathetha gqitha.

20. Umntu othuka uyise noninaubomi bakhe busuka buthi pam njengesibane esicime kwisithoko-thoko sobumnyama.

21. Ilifa lisenokuzuzwa buphuthu-phuthu ekuqaleni,kodwa ekugqibeleni alingekhe likuzisele amathamsanqa.

22. Musa ukuthi: “Ndiya kuziphindezela ngenxa yobu bugwenxa.”Yekela kuNdikhoyo ibe nguye okuhlangulayo.

23. UNdikhoyo uyawacekisa amatye okulinganisa abunzima bungafaniyo;isikali sobuqhetseba asilunganga.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 20