Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 20:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Iwayini ngumgxeki; utywala yingxolo;umntu ohexiswa bubo akanabo ubulumko.

2. Ukumkani xa enomsindo nqwa nengonyama enengcwangu egragramayo;umntu omcaphukisayo ubeka ubomi bakhe emngciphekweni.

3. Umntu onesidima uyasicezela isiphithi-phithi;kanti ke sona isiyatha siyathanda ukuphemba uqhushululu.

4. Ivila alilimi ngexesha lokulima;ngoko ke ngexesha lokuvuna liyafuna lingazuzi nto.

5. Iingcinga zomntu zifana nequla elinzulu;ke yena umntu oqiqayo ukha ulutho kuzo.

6. Baninzi abantu abazincoma ukunyaniseka;kodwa ke ungamzuza phi umntu othembekileyo?

7. Umntu olilunga uphila ubomi obungenabala;bayathamsanqeleka abantwana bakhe abamlandelayo.

8. Ukumkani ohleli kwisihlalo sokugwebauhluza ububi bonke ngamehlo akhe.

9. Ngubani ongatshoyo athi:“Intliziyo yam ihlambulukile;ndinyulu, ndaye ndingenasono”?

funda isahluko epheleleyo Izafobe 20