Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 20:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Iwayini ngumgxeki; utywala yingxolo;umntu ohexiswa bubo akanabo ubulumko.

2. Ukumkani xa enomsindo nqwa nengonyama enengcwangu egragramayo;umntu omcaphukisayo ubeka ubomi bakhe emngciphekweni.

3. Umntu onesidima uyasicezela isiphithi-phithi;kanti ke sona isiyatha siyathanda ukuphemba uqhushululu.

4. Ivila alilimi ngexesha lokulima;ngoko ke ngexesha lokuvuna liyafuna lingazuzi nto.

5. Iingcinga zomntu zifana nequla elinzulu;ke yena umntu oqiqayo ukha ulutho kuzo.

6. Baninzi abantu abazincoma ukunyaniseka;kodwa ke ungamzuza phi umntu othembekileyo?

7. Umntu olilunga uphila ubomi obungenabala;bayathamsanqeleka abantwana bakhe abamlandelayo.

8. Ukumkani ohleli kwisihlalo sokugwebauhluza ububi bonke ngamehlo akhe.

9. Ngubani ongatshoyo athi:“Intliziyo yam ihlambulukile;ndinyulu, ndaye ndingenasono”?

10. Amatye okuveyisha anobuqhetseba nezilinganiso ezinegobe,zombini ezo zinto uyazicekisa uNdikhoyo.

11. Nditsho kwaumntwana waziwa ngokuziphatha kwakhe –zizinto azenzayo ezixela ukusulungeka nokuthi ngqo kwesimilo sakhe.

12. Indlebe evayo neliso elibonayo,zombini ezo zinto zenziwe nguNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 20