Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 2:14-21 Ibhayibhile (XHO96)

14. Abo ke bangabantu abavuyayo xa besenza into embi,abayichwayitelayo imikhwa ephuthileyo yobubi.

15. Ewe, aba bantu ngamaqhophololo;iindlela zabo zingamagoso-goso.

16. Ngenene uya kutsho usinde kumfazi ongakwaziyo ukuziphatha,umfazi wasemzini omazwi alalanisayo.

17. Nditsho lowo ungathembekanga nasendodeni awazimanya nayo kwasebutsheni bakhe,ongawukhathalelanga nomnqophiso awawenza phambi koThixo wakhe.

18. Kaloku indlela eya emzini wakhe iya ekufeni,nabo bonke ke abahamba ngayo basinga kwelabafileyo.

19. Ewe, kuloo mzi wakhe akuyi lubuyayo;uthi umntu angangena khona angaze aphinde ayifumane indlela yobomi.

20. Ngoko ke hamba ekhondweni labantu abalungileyo,uziphathe ngeendlela zamalungisa.

21. Kaloku ngabantu abanyanisekileyo abaya kuma kweli lizwe;ewe, ngâbo bamsulwa abaya kuhlala behleli kulo.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 2