Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 16:8-15 Ibhayibhile (XHO96)

8. Akunani kwaintwana engephi oyizuze ngendlela elungileyokunentabalala yengeniso oyifumene ngondlela-mnyama.

9. Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.

10. Ukuthetha kukakumkani kuba ludaba olundilisekileyo;umlomo wakhe mawungabi naxanasi xa agwebayo.

11. UNdikhoyo ufuna kusetyenziswe isilinganiso nesikali esingenagobe;ubunzima bamatye okuveyisha mabube ngokwezigqibo zakhe.

12. Ookumkani bayabucekisa ubugwenxa;kaloku uburhulumente buzinziswa bubulungisa.

13. Ookumkani bayakholiswa ngumntu onyanisekileyo;ewe, bayamxabisa umntu othetha inyaniso.

14. Umsindo kakumkani sisigidimi sokufa;ke yena umntu olumkileyo uyamthomalalisa.

15. Xa bukhululekile ubuso bukakumkani kudliwa ubomi;ukwamkeleka kuye nqwa nemvula entlakohlaza.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 16