6. Ngako ukuthembeka nokunyaniseka isono siyacanyagushelwa;ngokuhlonela uNdikhoyo umntu uyabucezela ububi.
7. Ukuba uNdikhoyo uyakholiswa yihambo yomntuneentshaba zakhe zitsho zihlalisane naye ngoxolo.
8. Akunani kwaintwana engephi oyizuze ngendlela elungileyokunentabalala yengeniso oyifumene ngondlela-mnyama.
9. Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.
10. Ukuthetha kukakumkani kuba ludaba olundilisekileyo;umlomo wakhe mawungabi naxanasi xa agwebayo.
11. UNdikhoyo ufuna kusetyenziswe isilinganiso nesikali esingenagobe;ubunzima bamatye okuveyisha mabube ngokwezigqibo zakhe.
12. Ookumkani bayabucekisa ubugwenxa;kaloku uburhulumente buzinziswa bubulungisa.
13. Ookumkani bayakholiswa ngumntu onyanisekileyo;ewe, bayamxabisa umntu othetha inyaniso.
14. Umsindo kakumkani sisigidimi sokufa;ke yena umntu olumkileyo uyamthomalalisa.
15. Xa bukhululekile ubuso bukakumkani kudliwa ubomi;ukwamkeleka kuye nqwa nemvula entlakohlaza.