Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 16:22-33 Ibhayibhile (XHO96)

22. Ingqiqo ngumthombo wobomi kwabo banayo;kambe ke imfundiso yeziyatha bubudenge.

23. Isilumko siyawabala amazwi esiwathethayo;intetho yaso isenza silandelwe ngabantu.

24. Amazwi amyoli nqwa nobusi;ayanandipheka emphefumlweni, ephilisa emathanjeni.

25. Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emehlweni abantu,kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni.

26. Indlala imenza umntu ukuba asebenze;ewe, iphango limtyhalela ekuxelengeni.

27. Itshijolo lihlala liqingqa ububi;kwa-amazwi nje alo agqatsa njengomlilo.

28. Umntu onobugwenxa udala ingxabano;umntu ohlebayo wahlukanisa izihlobo.

29. Indlavini iyamkhukulisa ummelwane,imkhokelele kwimikhuba ephuthileyo.

30. Omana ewancina amehlo uceba ubugwenxa;ohlala eluma umlomo utyekele ebubini.

31. Izimvi sisithsaba sobuhandiba;zizuzwa ngabaphila ngobulungisa.

32. Onomonde ulungile kunegorha;olawula umsindo wakhe ungcono kunothimba isixeko.

33. Abantu basenokulenza *iqashiso,kanti ke ngumnwe kaNdikhoyo ofezekisayo.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 16