Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 16:1-15 Ibhayibhile (XHO96)

1. Umntu uyazenza izicwangciso,kodwa lona ilizwi lokugqibela lelikaNdikhoyo.

2. Zonke iindlela zomntu zilungile kwawakhe amehlo,kodwa nguNdikhoyo ocikida iinjongo zazo.

3. Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo,yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho.

4. UNdikhoyo unenjongo ngayo yonke into;ewe, kwanomntu lo ukhohlakeleyo umenzele imini yobubi.

5. UNdikhoyo umthiyile umntu ontliziyo inekratshi;ngokuqinisekileyo ngekhe agwetyelwe.

6. Ngako ukuthembeka nokunyaniseka isono siyacanyagushelwa;ngokuhlonela uNdikhoyo umntu uyabucezela ububi.

7. Ukuba uNdikhoyo uyakholiswa yihambo yomntuneentshaba zakhe zitsho zihlalisane naye ngoxolo.

8. Akunani kwaintwana engephi oyizuze ngendlela elungileyokunentabalala yengeniso oyifumene ngondlela-mnyama.

9. Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.

10. Ukuthetha kukakumkani kuba ludaba olundilisekileyo;umlomo wakhe mawungabi naxanasi xa agwebayo.

11. UNdikhoyo ufuna kusetyenziswe isilinganiso nesikali esingenagobe;ubunzima bamatye okuveyisha mabube ngokwezigqibo zakhe.

12. Ookumkani bayabucekisa ubugwenxa;kaloku uburhulumente buzinziswa bubulungisa.

13. Ookumkani bayakholiswa ngumntu onyanisekileyo;ewe, bayamxabisa umntu othetha inyaniso.

14. Umsindo kakumkani sisigidimi sokufa;ke yena umntu olumkileyo uyamthomalalisa.

15. Xa bukhululekile ubuso bukakumkani kudliwa ubomi;ukwamkeleka kuye nqwa nemvula entlakohlaza.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 16