12. Basenokuthi: “Yiza, siza kumcim' igama njengosengcwabeni,abe ngathi uginywe lelabafileyo,
13. size ke thina sizithathele konke okunexabiso,izindlu zethu zitsho zizale ngamaxhoba.
14. Hayi, mfondini, yiza, uzibandakanye nathi;yoba nye ingxowa yethu sonke.”
15. Nyana wam, zikhwebule kwiindlela zabo,ulubuyise nonyawo lwakho kuzo.
16. Kaloku iinyawo zabo aziva ntambo ukuleqeka esonweni;bayakhawuleza ukuphalaza igazi.
17. Nakuba kungancedi nto nje ukuthiyela intakaxa isibona isabatha eso,