Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 1:10-24 Ibhayibhile (XHO96)

10. Nyana wam, sukuvumaxa uwexulwa ngoongantweni.

11. Mhlawumbi bangathi: “Yiza silalele umntu ongenatyala,ukuze simhlasele simbulale engacingele nto.”

12. Basenokuthi: “Yiza, siza kumcim' igama njengosengcwabeni,abe ngathi uginywe lelabafileyo,

13. size ke thina sizithathele konke okunexabiso,izindlu zethu zitsho zizale ngamaxhoba.

14. Hayi, mfondini, yiza, uzibandakanye nathi;yoba nye ingxowa yethu sonke.”

15. Nyana wam, zikhwebule kwiindlela zabo,ulubuyise nonyawo lwakho kuzo.

16. Kaloku iinyawo zabo aziva ntambo ukuleqeka esonweni;bayakhawuleza ukuphalaza igazi.

17. Nakuba kungancedi nto nje ukuthiyela intakaxa isibona isabatha eso,

18. kodwa bona balalela elabo igazi;ewe, bazonda owabo umphefumlo.

19. Sinjalo ke isiphelo sazo zonke izikrelemnqa:ophila ngobugebenga ufa kwangobugebenga.

20. Ke bona ubulumko bumemeza nasezitalatweni;kanti ke bude bukhwaze nasezindaweni zembutho.

21. Izwi labo aligqunyelelwa nayingxolo yasezitalatweni;ewe, buvakala nasemasangweni ezixeko:

22. “Ziyathandini, koda kube nini nithe nca ebudengeni?Yaz'ba koda kube nini na abagculeli bekuvuyela ukuphoxisa?Koda kube nini izityhakala ziluthiyile ulwazi?

23. Kambe ke xa beninokukugqala ukukhalima kwam,bendinganiphokozela umoya wobulumko,ndabelane nani ngolwazi lwam.

24. Kaloku ndibe ngabiza, anisabeli;ndibe nganolulela isandla sam, akukho bani usamkelayo!

funda isahluko epheleleyo Izafobe 1