Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 1:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ezi zizafobe zikaSolomon unyana kaDavide ukumkani wakwaSirayeli.

2. Ezi zafobe ziluncedo:umntu ziyamqeqesha, zimnike ubulumko,abe nokuziqonda neentetho ukuba ngaba zezengqondo na.

3. Ewe, zimenza aqeqesheke, akwazi ukuziphatha,abe ngumntu owenza okulungileyo, nothe ngqo engenagobe.

4. Ongekabi namava zimenza abe krele-krele,nomfana atsho akwazi ukwenza izigqibo ngobulumko.

5. Isilumko siyeva, sivune ulwazi;kanti nengcaphephe itsho ifumane amacebo aphilileyo,

6. khon' ukuze ikwazi ukuqonda izaci nezafobe,nditsho amazwi ezilumko nokuntsonkotha kwawo.

7. Isiseko sobulumko kukuthobela *uNdikhoyo,kambe ke zona izityhakala zibujongele phantsi ubulumko nengqeqesho.

8. Mfo wam, yithobele ingqeqesho kayihlo,ungazityesheli neziluleko zikanyoko.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 1