Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 1:1-14 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ezi zizafobe zikaSolomon unyana kaDavide ukumkani wakwaSirayeli.

2. Ezi zafobe ziluncedo:umntu ziyamqeqesha, zimnike ubulumko,abe nokuziqonda neentetho ukuba ngaba zezengqondo na.

3. Ewe, zimenza aqeqesheke, akwazi ukuziphatha,abe ngumntu owenza okulungileyo, nothe ngqo engenagobe.

4. Ongekabi namava zimenza abe krele-krele,nomfana atsho akwazi ukwenza izigqibo ngobulumko.

5. Isilumko siyeva, sivune ulwazi;kanti nengcaphephe itsho ifumane amacebo aphilileyo,

6. khon' ukuze ikwazi ukuqonda izaci nezafobe,nditsho amazwi ezilumko nokuntsonkotha kwawo.

7. Isiseko sobulumko kukuthobela *uNdikhoyo,kambe ke zona izityhakala zibujongele phantsi ubulumko nengqeqesho.

8. Mfo wam, yithobele ingqeqesho kayihlo,ungazityesheli neziluleko zikanyoko.

9. Zona ziya kuyiphuhlisa ihambo yakho,oku kwentsimbi ehombisa intloko,nditsho oku kwamaso anika intamo umfaneleko.

10. Nyana wam, sukuvumaxa uwexulwa ngoongantweni.

11. Mhlawumbi bangathi: “Yiza silalele umntu ongenatyala,ukuze simhlasele simbulale engacingele nto.”

12. Basenokuthi: “Yiza, siza kumcim' igama njengosengcwabeni,abe ngathi uginywe lelabafileyo,

13. size ke thina sizithathele konke okunexabiso,izindlu zethu zitsho zizale ngamaxhoba.

14. Hayi, mfondini, yiza, uzibandakanye nathi;yoba nye ingxowa yethu sonke.”

funda isahluko epheleleyo Izafobe 1