Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 9:9-16 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ke wona waphendula wathi: ‘Ngaba nifuna ndiyeke ngoku ukuvelisa amafutha abadunyiswa ngawo uThixo nabantu, khon' ukuze ndiyongamele eminye imithi?’

10. Yaza ke imithi yathetha nomkhiwane, yathi kuwo: ‘Yiza ube ngukumkani wethu.’

11. Ke wona waphendula wathi: ‘Ngaba nifuna ndiyeke ukuvelisa ezi ziqhamo zimnandi kunene, khon' ukuze ndiyongamele eminye imithi?’

12. Yaza ke ngoku imithi yathi kumdiliya: ‘Yiba ngukumkani wethu.’

13. Wona ke wathi: ‘Ngaba nifuna ndiyeke ukuvelisa iwayini le yonwabisa uThixo nabantu, khon' ukuze ndiyongamele eminye imithi?’

14. Ngoku ke imithi yabhekisa kumnga, yathi: ‘Yiba ngukumkani wethu.’

15. Kodwa ke wona wathi: ‘Xa ngaba nizimisele ngenene ukundithambisa ndibe ngukumkani wenu, yizani kuzikhusela emthunzini wam; kungenjalo ke makuvele umlilo kula meva am, uyitshise imisedare yaseLebhanon.’ ”

16. Waqhuba wathi ke uYotam: “Ngaba niyenze ngokunyaniseka na into yokummisela uAbhimeleki abe ngukumkani wenu? Ngaba nenziwe kukumxabisa nokumhlonipha uJerubhali? Ngaba esi senzo nisenza kwinzala yakhe siyifanele na imisebenzi yakhe?

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 9