29. Ke kaloku uJerubhali, uGidiyon unyana kaJowashe, wagoduka waya kuhlala ekhaya.
30. Oonyana bakhe babengamashumi asixhenxe; kuba kaloku wayenabafazi abaninzi.
31. Futhi ke wayenenkazana eShekem; yona ke yazala unyana, waza wamthiya igama elinguAbhimeleki.
32. UGidiyon ke unyana kaJowashe wasweleka selekhulile, waza wafihlwa kwingcwaba likayise uJowashe eOfra, idolophu yama-Abhiyezere.
33. Emva kokusweleka kukaGidiyon ke amaSirayeli zange anyaniseke kuThixo, asuka anqula ooBhali. Asuka athi phithi nguBhali womnqophiso, emenza isithixo sawo,
34. akaba samkhumbula *uNdikhoyo uThixo wawo, owayewahlangule kuzo zonke iintshaba ezaziwaphahlile.
35. AmaSirayeli zange anyaniseke kumzi wakuloJerubhali (uGidiyon ukutsho) ngenxa yobulungisa owawubenzele bona.