Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 8:29-35 Ibhayibhile (XHO96)

29. Ke kaloku uJerubhali, uGidiyon unyana kaJowashe, wagoduka waya kuhlala ekhaya.

30. Oonyana bakhe babengamashumi asixhenxe; kuba kaloku wayenabafazi abaninzi.

31. Futhi ke wayenenkazana eShekem; yona ke yazala unyana, waza wamthiya igama elinguAbhimeleki.

32. UGidiyon ke unyana kaJowashe wasweleka selekhulile, waza wafihlwa kwingcwaba likayise uJowashe eOfra, idolophu yama-Abhiyezere.

33. Emva kokusweleka kukaGidiyon ke amaSirayeli zange anyaniseke kuThixo, asuka anqula ooBhali. Asuka athi phithi nguBhali womnqophiso, emenza isithixo sawo,

34. akaba samkhumbula *uNdikhoyo uThixo wawo, owayewahlangule kuzo zonke iintshaba ezaziwaphahlile.

35. AmaSirayeli zange anyaniseke kumzi wakuloJerubhali (uGidiyon ukutsho) ngenxa yobulungisa owawubenzele bona.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 8