Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 8:23-31 Ibhayibhile (XHO96)

23. Ke yena waphendula wathi: “Hayi, soze nilawulwe ndim nangunyana wam, koko niya kulawulwa *nguNdikhoyo.”

24. Waqhuba ke wathi: “Mandicele le nto apha kuni: umntu ngamnye makandiphe icici alifumeneyo lisisabelo sakhe sempahla ethinjiweyo.” (Kaloku amaMidiyan, engamaIshmayeli nje, ayefaka amacici.)

25. AmaSirayeli aphendula athi: “Kulungile, siyavuma ukuyenza loo nto.” Baneka ingubo phantsi, yaza ke yangulowo nalowo wabeka kuyo icici alifumeneyo.

26. Loo macici egolide awawafumanayo ke uGidiyon aba kwisithuba samashumi amabini eekhilogram ubunzima bawo, ngaphandle kwentsimbi yokuhombisa, amaso, namalaphu amsobo ookumkani bamaMidiyan, nangaphandle kwezihombiso ezazifakwa ezintanyeni zeenkamela.

27. Ke uGidiyon wayithatha loo golide, wenza *isidanga sonqulo ngayo, wasibeka apho kowabo eOfra. Onke ke amaSirayeli akreqa kuThixo ngenxa yeso sidanga. Le nto yaba ngumgibe kuGidiyon nomzi wakowabo.

28. Kwaba njalo ke ukoyiswa kwamaMidiyan, akaba savusa mnyele. Ilizwe elo ke lafumana amashumi amane eminyaka yenzolo ngemihla kaGidiyon.

29. Ke kaloku uJerubhali, uGidiyon unyana kaJowashe, wagoduka waya kuhlala ekhaya.

30. Oonyana bakhe babengamashumi asixhenxe; kuba kaloku wayenabafazi abaninzi.

31. Futhi ke wayenenkazana eShekem; yona ke yazala unyana, waza wamthiya igama elinguAbhimeleki.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 8