Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 8:2-8 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ke yena waphendula wathi: “Ukukhwahlaza kwenu, maEfrayim, kube nengeniso egqithe lé kwisivuno sethu, thina ndlu ka-Abhiyezere.

3. Kaloku uThixo uzinikele ezandleni zenu zombini iinkosi zamaMidiyan, uOrebhe noZebhe. Ngaba yintoni na mna endiyenzileyo egqithe oko nikwenzileyo nina?” Akuba etshilo ke yadamba ingqumbo yamaEfrayim ngakuGidiyon.

4. Ngeli thuba ke uGidiyon nomkhosi wakhe omakhulu mathathu bafika kwiJordan. Nakuba babediniwe bayiwela, bawasukela amaMidiyan.

5. Bakufika eSukoti uGidiyon wathi kubantu bakhona: “Umkhosi wam udiniwe; khaniwuphe isonka, kuba ndisukela ookumkani bamaMidiyan uZebha noZalmuna.”

6. Amadoda amakhulu aseSukoti ala, athi: “Yini le? Ngaba sewuboyisile ooZebha noZalmuna, khon' ukuze umkhosi wakho siwunike isonka?”

7. UGidiyon ke wathi: “Hayi ke, kulungile! Akuba ebanikele kum *uNdikhoyo ooZebha noZalmuna, nina ndiya kuniphala ngameva nenkunzane.”

8. Wagqitha ke waya kutsho ePenuweli, nalapho ke wenza kwaeso sicelo kubantu balapho; nabo ke bamphendula kwangolo hlobo lwamaSukoti.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 8