Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 8:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku amaEfrayim athi kuGidiyon: “Bekutheni ukuze ungasibizi thina ukuphuma kwakho usiya kulwa namaMidiyan? Ngani ukuba usiphathe kanje?” Amxoxisa ngamandla.

2. Ke yena waphendula wathi: “Ukukhwahlaza kwenu, maEfrayim, kube nengeniso egqithe lé kwisivuno sethu, thina ndlu ka-Abhiyezere.

3. Kaloku uThixo uzinikele ezandleni zenu zombini iinkosi zamaMidiyan, uOrebhe noZebhe. Ngaba yintoni na mna endiyenzileyo egqithe oko nikwenzileyo nina?” Akuba etshilo ke yadamba ingqumbo yamaEfrayim ngakuGidiyon.

4. Ngeli thuba ke uGidiyon nomkhosi wakhe omakhulu mathathu bafika kwiJordan. Nakuba babediniwe bayiwela, bawasukela amaMidiyan.

5. Bakufika eSukoti uGidiyon wathi kubantu bakhona: “Umkhosi wam udiniwe; khaniwuphe isonka, kuba ndisukela ookumkani bamaMidiyan uZebha noZalmuna.”

6. Amadoda amakhulu aseSukoti ala, athi: “Yini le? Ngaba sewuboyisile ooZebha noZalmuna, khon' ukuze umkhosi wakho siwunike isonka?”

7. UGidiyon ke wathi: “Hayi ke, kulungile! Akuba ebanikele kum *uNdikhoyo ooZebha noZalmuna, nina ndiya kuniphala ngameva nenkunzane.”

8. Wagqitha ke waya kutsho ePenuweli, nalapho ke wenza kwaeso sicelo kubantu balapho; nabo ke bamphendula kwangolo hlobo lwamaSukoti.

9. Wathi ke kubo: “Akukho nto. Ndiza kubuya xa ndiloyisile utshaba, ndaye ke ndakuba ndibuyile ndiya kuyidiliza le nqaba yenu.”

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 8