Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 6:25-37 Ibhayibhile (XHO96)

25. Ngobo busuku ke uNdikhoyo wayalela uGidiyon wathi: “Thatha inkunzi yenkomo kwezikayihlo, nditsho le yesibini, le inesixhenxe seminyaka. Uzulidilize ke iqonga likayihlo elakhelwe uBhali, unqunqe nomfanekiso womthi wesithixokazi uAshera osecaleni kweqonga elo.

26. Yakhela uNdikhoyo iqonga encotsheni yale nqaba, wenze idini elitshiswayo ngenkunzi yesibini leyo, ubase ngalaa mfanekiso ka-Ashera uwunqunqileyo.”

27. UGidiyon wathatha amadoda alishumi kwizicaka zakhe, wenza ngokomlomo kaNdikhoyo. Lo msebenzi ke wawenza ngobusuku, kuba esoyika amawabo nabamelwana.

28. Bavuka ngentsasa elandelayo abantu baloo lali: nâlo iqonga likaBhali lidiliziwe, nomfanekiso ka-Ashera unqunqiwe, kwaza kwenziwa idini ngenkunzi yenkomo yesibini kwelo qonga lakhiwe kuloo ndawo!

29. Babuzana ke bathi: “Ngubani na owenze le nto?” Bawuphanda ke lo mcimbi, beva kusithiwa: “NguGidiyon unyana kaJowashe owenze le nto!”

30. Bathetha noJowashe ke, bathi: “Mkhuphe unyana wakho, simbulale! Udilize iqonga likaBhali, wawunqunqa umfanekiso ka-Ashera obungakulo.”

31. UJowashe wathi kuloo madoda ayemrharhamela: “Kanti ngoku seningakuBhali? Nini abamkhuselayo? Wonke umntu ongakuBhali uza kufa kungekasi. Ukuba uBhali nguthixo makazilwele; kaloku kudilizwe iqonga lakhe.”

32. Ukusukela ngoko ke uGidiyon kwathiwa nguJerubhali, kuba uJowashe ethe: “UBhali makahlanganise, kuba liqonga lakhe elidiliziweyo.”

33. Ahlanganisana ke amaMidiyan nama-Amaleki nezizwe zasempumalanga, baza bawela iJordan, baya kumisa kwintili yaseYizereli.

34. UGidiyon wagutyungelwa nguMoya kaNdikhoyo, wakhalisa isigodlo ememeza amawabo omzi ka-Abhiyezere ukuba abophelele amlandele.

35. Wathumela izigidimi ukuba abizwe eze kuye amadoda onke akwaManase. Wathumela nakwa-Ashere, kwaZebhulon, nakwaNafetali, zaza ke zeza nezo zindlu.

36. UGidiyon wathi ke kuThixo: “Ukuba ngenene uza kuhlangula amaSirayeli ngesandla sam naku ke endiza kukwenza:

37. Ndiza kubeka uboya begusha phaya esandeni sengqolowa. Ukuba ke kuse ibuboya obo bodwa obunombethe, ungekho kodwa emhlabeni, ndiya kuqonda ke ukuba ngenene uza kuwahlangula ngesandla sam amaSirayeli.”

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 6