Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 6:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwakhona amaSirayeli aphinda akreqa *kuNdikhoyo, waza ke wawanikela ezandleni zamaMidiyan iminyaka esixhenxe.

2. AmaMidiyan la ke ayewaphatha gadalala amaSirayeli. Ngoko ke amaSirayeli azenzela iindawo zokuzimela ezintabeni emiqolombeni nasemaweni ngenxa yokoyika amaMidiyan.

3. AmaSirayeli ayesithi akulima, afike amaMidiyan nama-Amaleki neentlanga zasempumalanga awahlasele.

4. Ezi ntlanga zazifika zimise kwimida yamaSirayeli, zizitshabalalise zonke izilimo, ziyokuma ezantsi ngaseGaza. Zazithimba konke okushukumayo: iigusha, iinkomo, needonki, zingawashiyeli nento le amaSirayeli.

5. Zazisiza nemfuyo, neentente zazo, kutsho kunyakaze ngathi libubu leenkumbi. Lo mkhosi ke ukunye nezo nkamela wawusuka ube yinyambalala. Wawusuka ulitshabalalise ilizwe lonke,

6-7. kangangokuba ahlwempuzeka amaSirayeli engenakwenza nto.Ngenxa yale mpatho yamaMidiyan ke amaSirayeli azibika kuNdikhoyo.

8. Ke yena wawathumela umshumayeli owathi: “Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Ndanikhupha eJiputa, ilizwe enaningamakhoboka kulo.

9. Ndanihlangula kumaJiputa nakwiintlanga ezanicinezelayo kweli lizwe. Ndazigxotha xa ningenayo, ndaza ndaninika umhlaba wazo.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 6