Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 4:21-24 Ibhayibhile (XHO96)

21. USisera wasuka wee yoyi bubuthongo. Ke yena uJayeli wathatha isando nesikhonkwane sentente, wachwechwa waya kuye, wafika wabethelela isikhonkwane eso entloko kuSisera, saza saya kuphumela kwelinye icala, wafa ke uSisera.

22. Wathi akufika uBharaki, esukela uSisera, uJayeli waphuma wamhlangabeza, wathi kuye: “Yiz' apha ndikubonise lo mntu umfunayo.” Wangena naye ke uBharaki, waza wamfumana uSisera edunduluze apho ententeni efile, isikhonkwane sentente sibethelelwe entloko.

23. Ngaloo mini ke uThixo amaSirayeli wawoyisela uJabhin ukumkani wamaKanana.

24. Amandla amaSirayeli aya esanda ngokwanda ukuba ngqongqo kuJabhin, ada amtshabalalisa.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 4