Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 4:2-8 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ngoko ke uNdikhoyo wawayekela oyiswa nguJabhin, ukumkani wamaKanana owayehlala eHazore. Injengele yomkhosi wakhe yayinguSisera owayehlala eHarosheti-hagoyim.

3. UJabhin lo ke wayenamakhulu alithoba eenqwelo ezenziwe ngentsimbi. AmaSirayeli wawaphatha gadalala isithuba samashumi amabini eminyaka. AmaSirayeli ke asuka azibika kuNdikhoyo.

4. Ke kaloku umshumayelikazi uDibhora umka-Lapidoti waba yinkokheli kwaSirayeli ngelo thuba.

5. Inkundla yakhe yayiphantsi komthi wesundu ekwakusithiwa ngokaDibhora kweleentaba lakwaEfrayim phakathi kweRama neBhetele. Ke wona amaSirayeli ayesiya kuye ukuze awacombululele imicimbi yawo.

6. UDibhora wathumela wabiza uBharaki unyana ka-Abhinowam eKedeshe kwaNafetali. Wathetha naye wathi: “Nanku umyalelo ophuma kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli: Qokelela ishumi lamawaka amadoda kwaNafetali nakwaZebhulon, uhambe nawo uye kwintaba iTabhore.

7. Ke mna ndiya kumenza uSisera, injengele yomkhosi kaJabhin, eze kuwe kumlambo iKishon. Uya kuba exhobile, eneenqwelo namabutho akhe, kodwa ke ndiya kumnikela esandleni sakho.”

8. UBharaki ke waphendula wathi: “Kulungile, ukuba siza kuhamba kunye, kodwa ukuba akuyi wena, nam andiyi.”

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 4