Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 4:13-22 Ibhayibhile (XHO96)

13. wawuqokelela umkhosi wakhe, amakhulu alithoba eenqwelo, nawo onke amadoda akhe, wawakhupha eHarosheti-hagoyim, waya nawo kumlambo iKishon.

14. UDibhora ke wathi kuBharaki: “Phambili! UNdikhoyo uyakukhokela. Yiyo le imini amnikele ngayo esandleni sakho uSisera.” Wehla ke uBharaki apho entabeni iTabhore, enelo shumi lamawaka amadoda.

15. Akuhlasela uBharaki, uNdikhoyo wamtsho wadideka uSisera ndawonye naloo mkhosi wakhe uneenqwelo. USisera ke wehla kuloo nqwelo yakhe, wabaleka ngeenyawo.

16. Lo mkhosi uneenqwelo ke uBharaki wawusukelisa, wesa eHarosheti-hagoyim. Umkhosi kaSisera watshatyalaliswa wonke, akwasala nempunde le.

17. USisera wabalekela ententeni kaJayeli, umka-Hebhere umKeni, kuba ukumkani uJabhin waseHazore wayevana nendlu kaHebhere.

18. UJayeli waphuma wahlangabeza uSisera, waza wathi kuye: “Yiza, mhlekazi; ngena apha kwam, ungoyiki.” Wangena ke, waza uJayeli wamfihla ngaphaya komkhusane.

19. Wathi kuye: “Khawuncede undiphe amanzi; ndinxaniwe.” Ke yena wamthululela amasi entsubeni, wamnika wasela, waza waphinda wamqhusheka.

20. USisera wathi: “Yima emnyango. Xa kukho umntu obuzayo ukuba akungenanga ndoda na apha ententeni, yithi: ‘Hayi.’ ”

21. USisera wasuka wee yoyi bubuthongo. Ke yena uJayeli wathatha isando nesikhonkwane sentente, wachwechwa waya kuye, wafika wabethelela isikhonkwane eso entloko kuSisera, saza saya kuphumela kwelinye icala, wafa ke uSisera.

22. Wathi akufika uBharaki, esukela uSisera, uJayeli waphuma wamhlangabeza, wathi kuye: “Yiz' apha ndikubonise lo mntu umfunayo.” Wangena naye ke uBharaki, waza wamfumana uSisera edunduluze apho ententeni efile, isikhonkwane sentente sibethelelwe entloko.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 4