Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 4:12-18 Ibhayibhile (XHO96)

12. Akuxelelwa uSisera ukuba uBharaki unyana ka-Abhinowam unyuke intaba iTabhore,

13. wawuqokelela umkhosi wakhe, amakhulu alithoba eenqwelo, nawo onke amadoda akhe, wawakhupha eHarosheti-hagoyim, waya nawo kumlambo iKishon.

14. UDibhora ke wathi kuBharaki: “Phambili! UNdikhoyo uyakukhokela. Yiyo le imini amnikele ngayo esandleni sakho uSisera.” Wehla ke uBharaki apho entabeni iTabhore, enelo shumi lamawaka amadoda.

15. Akuhlasela uBharaki, uNdikhoyo wamtsho wadideka uSisera ndawonye naloo mkhosi wakhe uneenqwelo. USisera ke wehla kuloo nqwelo yakhe, wabaleka ngeenyawo.

16. Lo mkhosi uneenqwelo ke uBharaki wawusukelisa, wesa eHarosheti-hagoyim. Umkhosi kaSisera watshatyalaliswa wonke, akwasala nempunde le.

17. USisera wabalekela ententeni kaJayeli, umka-Hebhere umKeni, kuba ukumkani uJabhin waseHazore wayevana nendlu kaHebhere.

18. UJayeli waphuma wahlangabeza uSisera, waza wathi kuye: “Yiza, mhlekazi; ngena apha kwam, ungoyiki.” Wangena ke, waza uJayeli wamfihla ngaphaya komkhusane.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 4