Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 3:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo washiya izizwe ezithile ukuze zibe luvavanyo kumaSirayeli awayengekangeni ezimfazweni kwelaseKanana.

2. Le nto ke wayenza kuba efuna ukuzifundisa ngemfazwe zonke izizukulwana zamaSirayeli ezivelayo, ngakumbi ke ezo zazingazange zibe semadabini ngaphambili.

3. Iintlanga ezasala kwelo lizwe ke yaba ngamaFilistiya neenkosi zawo ezintlanu, namaKanana ephela, namaSidon, namaHivi awayehlala kwiintaba zeLebhanon ukusuka kwintaba iBhali-hermon ukuya kuthi xhaxhe ngenkalo yeHamati.

4. Zashiyelwa ukuba kuvavanywe amaSirayeli, khon' ukuze acace ukuba azimisele na ukuyithobela imimiselo eyanikezelwa nguNdikhoyo kookhokho bawo ngoMosis.

5. Ngoko ke amaSirayeli ema phakathi kwamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.

6. AmaSirayeli endiselana nazo ezi ntlanga, anqula *nezithixo zazo.

7. AmaSirayeli amlibala *uNdikhoyo uThixo wawo, akreqa kuye, anqula ooBhali nooAshera.

8. Ngoko ke uNdikhoyo waba nomsindo, waza wawayekela ngokumkani uKushan-rishatayim waseAram-naharayim, wawoyisa, aba phantsi kwakhe iminyaka esibhozo.

9. Ke kaloku amaSirayeli adanduluka akhala kuNdikhoyo, waza ke yena wawathumela umkhululi. Lowo ke yayinguOteniyeli unyana kaKenazi umninawe omncinci kaKalebhi.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 3