Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 21:8-15 Ibhayibhile (XHO96)

8. Abuza ke amaSirayeli athi: “Ngaba kukho ndlu na ingazange iye eMizpa?” Afumanisa ukuba kwakungekho mntu waseJabheshe yaseGiliyadi.

9. Ngexesha lokuhlelwa komkhosi akubangakho mntu wayevela eJabheshe.

10. Ngoko ke ibandla lakhupha ishumi elinambini lamawaka amajoni angoompondo-zihlanjiwe, lawayalela ukuba aye eJabheshe, afike abulale wonke umntu nomfazi nomntwana lo wembala.

11. Kwathiwa: “Wabulaleni amadoda nabafazi, nisindise iintombi nto.”

12. Ke apho eJabheshe afumana amakhulu amane eentombi ezingazananga nandoda, aza azithatha aya nazo esikhululweni eShilo kumhlaba waseKanana.

13. Ke ibandla lathumela kumaBhenjamin awayekumawa aseRimon, lawanikezela imiqathango yoxolo.

14. Ke amaBhenjamin abuya, aza amaSirayeli awanikezela ezo ntombi zaseJabheshe eGiliyadi zazisindile; kambe ke zange ziwanele amaBhenjamin lawo.

15. AmaSirayeli avelana namaBhenjamin, kuba uNdikhoyo enze umsantsa phakathi kwezindlu zikaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 21