13. Ke ibandla lathumela kumaBhenjamin awayekumawa aseRimon, lawanikezela imiqathango yoxolo.
14. Ke amaBhenjamin abuya, aza amaSirayeli awanikezela ezo ntombi zaseJabheshe eGiliyadi zazisindile; kambe ke zange ziwanele amaBhenjamin lawo.
15. AmaSirayeli avelana namaBhenjamin, kuba uNdikhoyo enze umsantsa phakathi kwezindlu zikaSirayeli.
16. Ngoko ke amadoda amakhulu athi: “Njengokuba betshatyalalisiwe nje abafazi kwaBhenjamin, sothini ukuyifumanela abafazi inxalenye yawo?”
17. Aza athi: “Ingayinto embi ukuba kubekho indlu enqanyulwayo kwaSirayeli ngokungabi nazindlalifa. Makufunwe indlela yokuba indlu kaBhenjamin ingatshitshi.
18. Kodwa thina ngokwethu asinako ukuyendisela iintombi zethu, njengoko senze isifungo sathi: ‘Nabani na owendisela intombi yakhe kwaBhenjamin uqalekisiwe.’
19. Kambe ke umbhiyozo waminyaka le kaNdikhoyo eShilo sowusondele.” Ke iShilo yayingasentla kweBhetele, ngezantsi kweLebhona, kwimpuma yendlela ephakathi kweBhetele neShekem.