Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 21:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku ngethuba amaSirayeli ayehlanganisene eMizpa ayebhambathisile phambi *koNdikhoyo athi: “Asisoze sendisele iintombi zethu kumaBhenjamin.”

2. Ngoku ke amaSirayeli suke ahlanganisana phambi koThixo eBhetele; ahlala apho kwada kwahlwa, ehlahlamba ebindekile,

3. esithi: “Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, ngani ukuba sihlelwe yinto enje? Ngani ukuba esinye isizwe sezizwe zakwaSirayeli sitshabalale siphele tu?”

4. Ngentsasa elandelayo ke amaSirayeli akha iqonga apho, aza enza amadini atshiswayo kunye namadini obudlelwane.

5. Abuzana athi: “Ngaba kukho indlu na yakwaSirayeli engazange iye kwimbizo esasinayo phambi koNdikhoyo eMizpa?” (Kaloku amaSirayeli ayenze isifungo esingqongqo, athi: “Nabani na ongayanga embizweni eMizpa uya kubulawa.”)

6. Ngoku ke amaSirayeli ayenxubile ngenxa yabazalwana bawo amaBhenjamin. Avakala esithi: “Namhlanje uSirayeli ulahlekelwe yenye yezindlu zakhe.

7. Nithi makuthiweni ukuze la maBhenjamin aseleyo azuze abafazi? Kaloku sabhambathisa phambi koNdikhoyo sathi asisoze siwendisele iintombi zethu.”

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 21