Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 20:44-48 Ibhayibhile (XHO96)

44. Kwafa ishumi elinesibhozo lamawaka koompondo-zihlanjiwe bamaBhenjamin.

45. Amanye asabela entlango, esinga kumawa aseRimon, kwaza kwabulawa amawaka amahlanu ezindleleni. AmaSirayeli athi mbende emva kwawo ukuya kutsho eGidiyon, aza abulala amawaka amabini.

46. Ngaloo mini yodwa kwafa amashumi amabini anantlanu amawaka amaBhenjamin, onke engoompondo-zihlanjiwe bamajoni.

47. Kambe ke amakhulu amathandathu abalekela entlango, aya kutsho kuloo mawa aseRimon, ahlala apho iinyanga zane.

48. AmaSirayeli ke abuya awatshabalalisa onke amaBhenjamin, ebulala konke: ndoda, mfazi, mntwana, nemfuyo le yembala. Azitshisa zonke iidolophu zaloo mmandla.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 20