Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 20:35-47 Ibhayibhile (XHO96)

35. UNdikhoyo wamoyisa uBhenjamin ngamaSirayeli. AmaSirayeli atshabalalisa amashumi amabini anantlanu amawaka anekhulu ngaloo mini, onke eziincutshe zekrele,

36. waza ke uBhenjamin waqonda ukuba woyisiwe.Umkhosi wamaSirayeli wahlehla, kuba ukholose ngalowo wawulalele kufuphi neGibheya uzimele.

37. Lo ke umkhosi wakhawuleza wangena eGibheya, wanwenwa apho esixekweni, wabulala konke nje.

38. Indili yomkhosi kaSirayeli nalo uzimeleyo wawuvumelene ngokuthi xa ubona umsi uthuquza unyuka apho esixekweni,

39. umkhosi osedabini uya kubuya nawo ungene uhlasele. Ngeli thuba ke amaBhenjamin ayeselewabulele amaSirayeli amalunga namashumi amathathu. Ayesezincoma esithi: “Sesezolo nanamhlanje; siwafumene!”

40. Kweso sithuba ke wasuka wavela umqondiso; suka kwavela umpokophela womsi, wathunquza uphuma apho esixekweni. Athi ke akujonga amaBhenjamin abona isixeko sawo singamalangatye nje!

41. Suka ke amaSirayeli aguquka, ke wona amaBhenjamin asuka azizithwanga-thwanga, kuba eqonda ukuba ihlile intlekele.

42. Azama ukuhlehla abalekele entlango, kodwa ke umkhosi wathi mbende emva kwabo. Axinwa atyakatywa nangamanye amadoda awayephuma ezidolophini.

43. AmaSirayeli awarhawula amaBhenjamin, awasukela, aza awoyisa lula kude kufuphi neGibheya empumalanga.

44. Kwafa ishumi elinesibhozo lamawaka koompondo-zihlanjiwe bamaBhenjamin.

45. Amanye asabela entlango, esinga kumawa aseRimon, kwaza kwabulawa amawaka amahlanu ezindleleni. AmaSirayeli athi mbende emva kwawo ukuya kutsho eGidiyon, aza abulala amawaka amabini.

46. Ngaloo mini yodwa kwafa amashumi amabini anantlanu amawaka amaBhenjamin, onke engoompondo-zihlanjiwe bamajoni.

47. Kambe ke amakhulu amathandathu abalekela entlango, aya kutsho kuloo mawa aseRimon, ahlala apho iinyanga zane.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 20