Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 20:30-39 Ibhayibhile (XHO96)

30. Nangolu lwesithathu usuku amaSirayeli amhlasela uBhenjamin, amajoni akha uhlelo ekhangele iGibheya njenga-ngaphambili.

31. AmaBhenjamin aphuma ukuhlangabeza, ada asishiya isixeko. Njengezolo ke akhe ageqa apho kumaSirayeli kuloo mathafa nakwindlela eya eBhetele neya eGibheya. Kwafa amashumi amathathu amaSirayeli.

32. AmaBhenjamin athi: “Isesesezolo; siwafumene!”Ke wona amaSirayeli athi: “Masihlehle, khon' ukuze siwatsalele ezindleleni kude nesixeko.”

33. Wathi ke umkhosi wamaSirayeli waqokelelana eBhali-tamare, waza lowa wawulalele ngaseGibheya wadyulukudela ukuphuma kwezo ziwana zingqonge isixeko.

34. IGibheya ke yahlaselwa lishumi lamawaka angoompondo-zihlanjiwe, bekhethwe kuSirayeli ephela. Hayi ke, yaba yinkwa nenkwa, phofu yena uBhenjamin engaqondi ukuba namhlanje ihlile intlekele.

35. UNdikhoyo wamoyisa uBhenjamin ngamaSirayeli. AmaSirayeli atshabalalisa amashumi amabini anantlanu amawaka anekhulu ngaloo mini, onke eziincutshe zekrele,

36. waza ke uBhenjamin waqonda ukuba woyisiwe.Umkhosi wamaSirayeli wahlehla, kuba ukholose ngalowo wawulalele kufuphi neGibheya uzimele.

37. Lo ke umkhosi wakhawuleza wangena eGibheya, wanwenwa apho esixekweni, wabulala konke nje.

38. Indili yomkhosi kaSirayeli nalo uzimeleyo wawuvumelene ngokuthi xa ubona umsi uthuquza unyuka apho esixekweni,

39. umkhosi osedabini uya kubuya nawo ungene uhlasele. Ngeli thuba ke amaBhenjamin ayeselewabulele amaSirayeli amalunga namashumi amathathu. Ayesezincoma esithi: “Sesezolo nanamhlanje; siwafumene!”

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 20