22. Ndiya kuwalinga ngazo amaSirayeli, ndibone ukuba akayi kuhamba ngeendlela zam na, andithobele njengooyise-mkhulu.”
23. Ngoko ke uNdikhoyo izizwe ezasalayo waziyeka apho kwelo lizwe. Kaloku uNdikhoyo ezi zizwe akazigxothanga ngokukhawuleza ngokuzinikela esandleni sikaYoshuwa.