Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 2:14-22 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ngoko ke uNdikhoyo waba nomsindo, amaSirayeli wawayekela ngeentshaba, zawahlasela ziwaphanga. Wazivulela macala onke, zawongamela, ada akaba nako ukuzikhusela.

15. Ayesithi xa ephumile aya edabini, uNdikhoyo awayekele, ngokomlomo wakhe. Kwathi ke kwakuba nje amaSirayeli abandezeleka kunene.

16. Noko ke uNdikhoyo amaSirayeli wawanika iinkokheli ezawasindisayo kwabo babewahlasela bewaphanga.

17. Kambe ke wona amaSirayeli zange azikhathalele ezo nkokheli. Ewe kaloku, uSirayeli suka waqhogana nathixo bambi endaweni kaNdikhoyo. Ooyise bona babeyithobele imiyalelo kaNdikhoyo, kodwa sona isizukulwana esitsha sisuke saphuma kwelo khondo.

18. UNdikhoyo ke wayesithi xa enika amaSirayeli inkokheli ayixhase iwahlangule amaSirayeli ezintshabeni ngalo lonke ithuba lokudla kwayo ubomi. UNdikhoyo wayeba nenceba, kuba ayenesingqala egogoza phantsi kweengcinezelo.

19. Kodwa ke kwakusithi yakubhubha inkokheli leyo, amaSirayeli abuyele kwesezolo, abe nesimo esilumezayo kunesooyise. Ayebusa anqule thixo bambi, engavumi ukwahlukana neenkani zawo, alumleke kwezo ndlela zawo zigwenxa.

20. UNdikhoyo ke wayesuka abe nomsindo, athi: “Esi sizwe siwaphule umnqophiso endayalela ooyise-mkhulu ukuba siwuthobele. Ngoko ke, ngenxa yokuba singandithobeli,

21. nam andiyi kuba sazigxotha ezi zizwe zashiyekayo ukufa kukaYoshuwa.

22. Ndiya kuwalinga ngazo amaSirayeli, ndibone ukuba akayi kuhamba ngeendlela zam na, andithobele njengooyise-mkhulu.”

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 2