Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 2:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Isithunywa *sikaNdikhoyo saphuma eGiligali, saya eBhokim, saza sathi: “Ndanikhupha kwelaseJiputa, ndanizisa kweli lizwe ndabathembisa ngalo ooyihlo-mkhulu ngesifungo. Ndathi: ‘Andisoze ndiwaphule umnqophiso wam nani.

2. Ke nina ze ningaze nenze mnqophiso nabemi beli lizwe. Kufuneka niwadilize amaqonga abo amadini.’ Kambe ke anenzanga ngokwelizwi endalithethayo kuni. Yintoni le niyenzileyo?

3. Ngoko ke ndiyanazisa ukuba andiyi kuzigxotha ezi zizwe. Zona ke ziya kuba ngumgibe kuni, nirhintyelwe yindlela ezinqula ngayo *oothixo bazo.”

4. Sakuthetha la mazwi ke isithunywa sikaNdikhoyo, onke amaSirayeli asitsho isikhalo.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 2