Lo mLevi ke wayilanda ngezicengo, khon' ukuze babuyelane. Wayehamba nesicaka sakhe kunye needonki ezimbini. Le ntombi ke yamazisa kowayo umLevi lowo, waza ke uyise akumbona wamamkela ngezishushu.