Kwathi besonwabile apho, kwafika iindlavini ezithile, zayirhawula indlu leyo, zabetha ucango, zabhekisa kumnini-ndlu lowo zisithi: “Mkhuphe loo mfo umngenise endlwini yakho. Sifuna ukulala naye.”