Ngethuba eliphambi kokuba uSirayeli abe nokumkani kwakukho mLevi uthile owayehlala kude kweleentaba kwaEfrayim. Lo mfo wathatha intombi yaseBhetelehem kwelakwaJuda, wahlalisana nayo.