Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 18:18-25 Ibhayibhile (XHO96)

18. La madoda ke athi akungena endlwini kaMika athatha imifanekiso leyo ndawonye nesidanga. Ke umbingeleli lowo wawabuza wathi: “Nenza ntoni?”

19. Ke wona amyala athi: “Yithi tu, ungabi sayiphatha! Yiza, uhambe nathi, ube ngumfundisi nombingeleli wethu. Awutsho wena ukuba kubhetele ube ngumbingeleli wenye yezindlu zikaSirayeli endaweni yokuba ube ngumbingeleli womzi womntu omnye?”

20. Eli cebo lamkholisa umbingeleli lowo, waza ke wasithatha isidanga nemifanekiso ikunye nalowo uqingqiweyo, wahamba namaDan lawo.

21. Loo madoda ke ajika ahamba. Abantwana bawo, iinkomo, nako konke okwawo, akubeka ngaphambili.

22. Athe selemgama, uMika nabamelwana bahlab' umkhosi, baphuma besukelisa. Bathe bakusondela kumaDan apho

23. bawakhwaza. Ke wona ajika abuza kuMika athi: “Konakele phi? Ngowani lo mkhosi?”

24. UMika waphendula wathi: “Ningathini ukuthi: ‘Konakele phi?’ Nindohluthe oothixo bam endizenzele bona nombingeleli wam, nemka nabo! Ndosala nantoni mna?”

25. Ke amaDan aphendula athi: “Kubhetele ungabi sasingxolela, hleze la madoda anengcwangu akuhlasele. Xa inokwenzeka into enjalo, ungafa ndawonye nomzi wakho.”

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 18