Ngelo thuba ke uSirayeli wayengenakumkani. Ke yona indlu kaDan yayisazifunela umhlaba owawuza kuba lilifa layo, kuba ukuza kuthi ga ngoku yayingekafumani mhlaba ungowayo njengezinye izindlu zikaSirayeli.