Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 17:8-13 Ibhayibhile (XHO96)

8. Waphuma ke eBhetelehem, efuna indawo anokuxhwarha kuyo. Esabhadula njalo waya kugaleleka kwaMika kweleentaba lakwaEfrayim.

9. UMika wambuza wathi: “Uvela phi?”Ke yena waphendula wathi: “NdingumLevi waseBhetelehem kwelakwaJuda. Ndifuna indawo endingaxhwarha kuyo.”

10. UMika wathetha naye ke, wathi: “Sowuhlala apha kum, ube ngumfundisi nombingeleli wam; ndiya kukuhlawula ngeshumi leesiliva ngonyaka, ndawonye nempahla yokunxiba nokutya.”

11. UmLevi lowo ke wavumelana noMika, waza wahlala naye, waba njengonyana wakhe.

12. UMika wammisela waba ngumbingeleli wakhe, wahlala apho kwakhe.

13. UMika wathi: “Njengokuba umbingeleli wam engumLevi nje, ndiyazi ukuba uNdikhoyo uya kundithi jize ngenkqubela.”

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 17