Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 17:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwakukho ndoda ithile igama linguMika. Yayimi kweleentaba kwaEfrayim.

2. Yathetha nonina, yathi: “Ngokuya wawubelwe ishumi elinanye leesiliva ndakuva ushwabula. Kambe ke ikum loo mali; yathathwa ndim.”Unina wamsikelela, wathi: “*UNdikhoyo makakuthamsanqele, nyana wam.”

3. Waza ke unyana lowo wayibuyisela kunina loo mali. Ke yena unina wathi: “Le mali ngoku yekaNdikhoyo; ndiyinikezela kuye ukuze unyana wam aqingqe umfanekiso, utyatyekwe ngesiliva, kwanomfanekiso otyhidiweyo. Ngoko ke le siliva ndiyibuyisela kwakuwe.”

4. Imali leyo wayibuyisela kunina ke, yena wathatha amakhulu amabini kuloo siliva, wawanika ingcibi, eyakrola umfanekiso otyatyekwe ngesiliva, yenza nomnye otyhidiweyo. Wabekwa endlwini kaMika.

5. Lo mfo unguMika ke wayenesibingelelo sakhe. Wenza imifanekiso eqingqiweyo ndawonye *nesidanga, waza wamisela omnye koonyana bakhe wangumbingeleli.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 17