Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 13:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku amaSirayeli aphinda amona *uNdikhoyo, waza ke yena wawanikela ezandleni zamaFilistiya amashumi amane eminyaka.

2. Ke kaloku kwakukho umfo waseZora ogama linguManowa. Yena wayengowendlu kaDan. Umkakhe wayelidlolo, engafumani bantwana.

3. Ke isithunywa sikaNdikhoyo sabonakala kuye, saza sathetha naye sathi: “Njengoko ungazanga waba namntwana, ngoku uza kukhawula, uze ufumane unyana.

4. Uyabona ke, kufuneka uzigcine, ungaseli wayini natywala, ungatyi nanye into engavunyelwanga ngumthetho kaThixo.

5. Ewe, selukhulelwe; uza kuzala unyana. Ke yena ze zingaze zichetywe iinwele zentloko yakhe, kuba kaloku le nkwenkwe iya kuba *lilolo likaThixo kwasesizalweni sakho. Yiyo eya kuqala ukuhlangula amaSirayeli kumaFilistiya.”

6. Lo mfazi ke waya kuxelela indoda yakhe, wathi: “Ndibone ndifikelwa ngumfo wakwaThixo onenkangeleko yesithunywa sikaThixo; uyoyikeka kakhulu. Andimbuzanga apho avela khona, engandixelelanga negama lakhe.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 13