Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 11:14-28 Ibhayibhile (XHO96)

14. UJefta ke wathumela kwaizigidimi, ephendula ukumkani wama-Amon,

15. esithi: “UJefta uthi: ‘Hayi, uyaphazama; uSirayeli zange athathe mhlaba wamaMowabhi namhlaba wama-Amon.

16. Nantsi into eyenzekayo: AmaSirayeli ukuphuma kwawo eJiputa, anqumla intlango, aya kutsho kuLwandle oluBomvu, agaleleka eKadeshe.

17. Athumela izigidimi kukumkani wase-Edom, ecela ukuba awavumele acande emhlabeni wakhe. Kodwa ke yena zange awavumele. Kwakhona athumela kukumkani waseMowabhi, acela ukuba awavumele anqumle emhlabeni wakhe, kodwa naye zange avume. Ngoko ke amaSirayeli ahlala apho eKadeshe.

18. Asuka ke anqumla intlango, awucezela umhlaba wase-Edom nowaseMowabhi, ada aya kufika kwimpuma yeMowabhi, ngaphesheya komlambo iAnoni. Akazange angene kwelaseMowabhi, kuba kaloku iAnoni yayingumda.

19. AmaSirayeli athumela kuSihon ukumkani wama-Amori eHeshbhon, athi: “Sivumele sinqumle siye emhlabeni wethu.”

20. Kambe ke zange uSihon akholiseke ukuba banqumle emhlabeni wakhe. Suka waqokelela umkhosi wakhe eJahazi, waza wahlasela uSirayeli.

21. Kodwa ke uNdikhoyo uThixo wamaSirayeli wamnikela ezandleni zamaSirayeli uSihon nomkhosi wakhe wonke. Ngoko ke amaSirayeli awuthimba wonke umhlaba wama-Amori awayehlala kuloo mmandla;

22. ewe, wonke loo mhlaba wama-Amori, ukusuka ezantsi eAnoni ukuya kutsho phezulu eJabhoki, ngokunjalo nokusuka empuma entlango ukuya kuthi xhaxhe ngeJordan entshonalanga.

23. Ngoko ke nguNdikhoyo uThixo wamaSirayeli owawagxothayo ama-Amori, khon' ukuze kungene abantu bakhe amaSirayeli. Ngaba uzama ukuwohlutha kuthi ke ngoku?

24. Hlala wena naloo ndawo akunike yona uKemoshi uthixo wakho. Ke thina siza kuhlala kule siyinikwe nguNdikhoyo uThixo wethu.

25. Ngaba wena ungcono kunoBhalaki unyana kaZipora, ukumkani waseMowabhi? Andithi yena zange acele mngeni kuSirayeli! Wakha walwa nathi kakade?

26. Ngamakhulu amathathu eminyaka uSirayeli emi eHeshbhon naseAruri nakwiidolophu ezikuloo mmandla, ngokunjalo nakwizixeko eziphezu komlambo iAnoni. Ubukade uwuyekeleni lo mhlaba?

27. Hayi bo, andikhange ndikwenze nto mna! Nguwe onxaxhayo ngokundihlasela. UNdikhoyo uMgwebi makagwebe ngokwakhe namhlanje phakathi kwamaSirayeli nama-Amon.’ ”

28. Kambe ke ukumkani wama-Amon zange alukhathalele olu daba lukaJefta.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 11