Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 11:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. UJefta, igorha lejoni laseGiliyadi, wayengunyana wehenyukazi elithile. Uyise uGiliyadi

2. wayenabanye oonyana, bezalwa ngumkakhe; bathi bakukhula bamgxotha uJefta. Bathi kuye: “Wena awunakuzuza lifa kwindlu katata; kaloku uzalwa mfazi wumbi.”

3. Wasaba ke uJefta kubantakwabo, waya kuhlala kumhlaba waseTobhi. Apho ke kwabuthelana kuye iindlavini ezithile, zaza zaba ngamahlakani akhe.

4. Ekuhambeni kwethuba ke ama-Amon alwa namaSirayeli.

5. Kuthe ke kwakuba nje amadoda amakhulu aseGiliyadi asuka alanda uJefta eTobhi,

6. athi: “Yiba yinjengele yethu, khon' ukuze sibe nako ukulwa nama-Amon.”

7. Waphendula ke yena wathi: “Andithi na kanene nandithiya kangangokuba nada nandigxotha endlwini kabawo. Ngani ke ngoku ukuba nithi nakuba sengxakini nize kum?”

8. Ke wona azibika kuye athi: “Ewe, naxa kunjalo sibhenela kuwe ngoku, kuba sifuna uhambe nathi, ulwe nama-Amon. Uya kuba yintloko yethu sonke thina maGiliyadi.”

9. UJefta ke wathi kumadoda aseGiliyadi: “Ukuba ndithe ndabuyela kuni, ndaza ngoncedo lukaNdikhoyo ndawoyisa ama-Amon, ngaba niyavuma ngenene ukuba ndibe yintloko yenu?”

10. Aphendula ke athi: “UNdikhoyo lingqina lethu. Inene, siya kwenza njengoko usitsho.”

11. Ngenene ke uJefta wagoduka nawo amadoda amakhulu aseGiliyadi, baza ke abantu bakhona bammisela waba yintloko nenjengele yabo. Ke uJefta wayivakalisa imiqathango yokuvumelana kwabo eMizpa phambi koNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 11