Kwakhona amaSirayeli aphinda amona *uNdikhoyo ngokusuka akhonze ooBhali nooAshtarte, ngokunjalo nezithixo zamaSiriya, amaSidon, ezamaMowabhi, ama-Amon, namaFilistiya. Amfulathela, ayeka ukumkhonza uNdikhoyo.