Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 1:17-36 Ibhayibhile (XHO96)

17. Ke uJuda noSimon badibana, baza bawoyisa amaKanana awayehlala eZefati. Eso sixeko basivuthulula, basitshabalalisa, baza basithiya igama eliyiHoma.

18-19. *UNdikhoyo wayinceda indlu kaJuda, yawuthatha umhlaba okweleentaba. Phofu abakwaJuda zange babe nako ukubagxotha abantu ababemi kwintili egudle ulwandle, kuba babeneenqwelo ezenziwe ngentsimbi. Izixeko zabo ibiyiGaza, iAshkelon, ne-Ekron, zinemimandla yazo.

20. Ngokomlomo kaMosis iHebron yanikwa uKalebhi, owagxotha izindlu ezintathu khona ezaziyinzala ka-Anaki.

21. Kodwa ke amaBhenjamin zange awagxothe amaJebhusi awayehlala eJerusalem – asemi khona ndawonye namaBhenjamin unanamhla.

22-23. Abendlu kaJosefu bahlasela iBhetele, ekwakusithiwa yiLuzi ngaloo maxesha. *UNdikhoyo wabanceda. Bathumela iintlola apho esixekweni,

24. zaza zabona indoda iphuma khona, zathi kuyo: “Sibonise indlela yokungena esixekweni. Ukuba uthe wenjenjalo asiyi kukwenzakalisa.”

25. Yazibonisa ke, aza amaJosefu ababulala bonke abantu bakhona, ashiya loo ndoda nendlu yayo kuphela.

26. Emva koko yaya kwelamaHiti, yakha isixeko, yathi yiLuzi igama laso. Sisabizwa ngelo gama ke nangoku.

27. AmaManase zange azigxothe izizwe ezazihlala eBhete-shan, eTanaki, eDore, eIbleyam, eMegido, nakwiilali ezikufuphi nezi dolophu, kuba amaKanana ayezimisele ukuhlala apho.

28. Athi ke akomelela amaSirayeli azenza izicaka zawo ezo zizwe, kodwa akazigxotha.

29. NamaEfrayim zange awagxothe amaKanana awayehlala eGezere; awayeka bahlala kunye.

30. AmaZebhulon nawo zange awagxothe amaKanana awayehlala eKitron naseNalali, kodwa ahlala nawo, awenza izicaka.

31. Nama-Ashere zange abagxothe abemi baseAko, nabaseSidon, nabaseAlabhi, nabaseAkezibhi, nabaseHelebha, nabaseAfeki, nabaseRehobhi.

32. Ngoko ke ama-Ashere ahlala nawo loo maKanana.

33. Indlu kaNafetali zange ibagxothe abemi baseBhete-shemeshe nabaseBhete-anati. Loo maKanana ke ahlala namaNafetali, aba zizicaka zawo.

34. AmaDan oyiswa ngama-Amori, atsho ahlala kweleentaba, akaba nako ukuhlela emathafeni.

35. Ama-Amori ayezimisele ukunganikezeli eAyalon, naseShalabhim, nakwintaba iHeres; kodwa ke amaJosefu ada awongamela, aba zizicaka zawo.

36. Umda wama-Amori wawuhamba uye kuphuma ngenkalo yeAkrabhim, uye kudlula eSela.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 1