Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 1:14-32 Ibhayibhile (XHO96)

14. Bakuba betshatile wacenga uOteniyeli amvumele acele umhlaba kuyise. Wehla kwidonki awayekhwele kuyo uAkesa, waza uKalebhi wambuza wathi: “Kwenzeke ntoni?”

15. Wathi ukuphendula uAkesa: “Ndicela intsikelelo. Kaloku umhlaba ondinike wona ukwindawo ebharhileyo. Nceda undinike imithombo.” UKalebhi ke wamnika imithombo engasentla nengasezantsi.

16. Inzala kayise womka-Mosis, umKeni, yahamba nendlu kaJuda ukuphuma kwisiXeko samaSundu, yaya kumhlaba oyintlango ezantsi kweArade kwelakwaJuda, yaza ke yema phakathi kwabantu balapho.

17. Ke uJuda noSimon badibana, baza bawoyisa amaKanana awayehlala eZefati. Eso sixeko basivuthulula, basitshabalalisa, baza basithiya igama eliyiHoma.

18-19. *UNdikhoyo wayinceda indlu kaJuda, yawuthatha umhlaba okweleentaba. Phofu abakwaJuda zange babe nako ukubagxotha abantu ababemi kwintili egudle ulwandle, kuba babeneenqwelo ezenziwe ngentsimbi. Izixeko zabo ibiyiGaza, iAshkelon, ne-Ekron, zinemimandla yazo.

20. Ngokomlomo kaMosis iHebron yanikwa uKalebhi, owagxotha izindlu ezintathu khona ezaziyinzala ka-Anaki.

21. Kodwa ke amaBhenjamin zange awagxothe amaJebhusi awayehlala eJerusalem – asemi khona ndawonye namaBhenjamin unanamhla.

22-23. Abendlu kaJosefu bahlasela iBhetele, ekwakusithiwa yiLuzi ngaloo maxesha. *UNdikhoyo wabanceda. Bathumela iintlola apho esixekweni,

24. zaza zabona indoda iphuma khona, zathi kuyo: “Sibonise indlela yokungena esixekweni. Ukuba uthe wenjenjalo asiyi kukwenzakalisa.”

25. Yazibonisa ke, aza amaJosefu ababulala bonke abantu bakhona, ashiya loo ndoda nendlu yayo kuphela.

26. Emva koko yaya kwelamaHiti, yakha isixeko, yathi yiLuzi igama laso. Sisabizwa ngelo gama ke nangoku.

27. AmaManase zange azigxothe izizwe ezazihlala eBhete-shan, eTanaki, eDore, eIbleyam, eMegido, nakwiilali ezikufuphi nezi dolophu, kuba amaKanana ayezimisele ukuhlala apho.

28. Athi ke akomelela amaSirayeli azenza izicaka zawo ezo zizwe, kodwa akazigxotha.

29. NamaEfrayim zange awagxothe amaKanana awayehlala eGezere; awayeka bahlala kunye.

30. AmaZebhulon nawo zange awagxothe amaKanana awayehlala eKitron naseNalali, kodwa ahlala nawo, awenza izicaka.

31. Nama-Ashere zange abagxothe abemi baseAko, nabaseSidon, nabaseAlabhi, nabaseAkezibhi, nabaseHelebha, nabaseAfeki, nabaseRehobhi.

32. Ngoko ke ama-Ashere ahlala nawo loo maKanana.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 1