Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 99:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo ngukumkani, uyalawula;mazimnike imbeko izizwe!Ungqendeve esihlalweni engqongwe *zizithunywa ezimaphiko;malingcangcazele ihlabathi!

2. UNdikhoyo yingangalala eZiyon;ngumlawuli wazo zonk' iintlanga.

3. Malidunyiswe ngumntu wonk' igama lakhe elindilekileyo!Kaloku yena nguyedwa okhethekileyo.

4. Wena kumkani, ngangalala, mthandi wokulungileyo;nguwe owezisa ubulungisa kwaYakobi,wawis' izigwebo kakuhle ungenamkhethe.

5. Mbongeni uNdikhoyo uThixo wethu;zikhahleleni ngasezinyaweni zakhe.Kaloku yena unobungangamsha.

6. UMosis noAron yayingababingeleli bakhe;uSamweli yayingomnye wababemnqula;bonke bazibika kuNdikhoyo, wabeva.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 99